Vuka Sula Lyrics

Album: 
Ndim Lo
Song Year: 
2007
Genre: 
Afro Soul

-

.

[Chorus]
Kwanele ngesikhalo, hlis’ umoya.
Nje ngomntwan’ obekhala
Qabuka kubom’ obutsha. Xolis' intliziyo

Sula iinyembezi
Jonga ngamehlw’ amatsha
Ilizw’ elitsha, ubomi obutsha
Qabuka vuka, uyabona awukohlulwa
Ubomi abuyontsomi, awuthandwa ngabantu bonke

Uyaz’ amandla ngawakho
Awusoli bantu ngokwenzekayo kubomi bakho
Uyaz’ amandla ngawakho
Awugxeki bantu ngokwenzekayo kubomi babo

[Chorus]

Vuka uvuthulule bonk’ ubuvuvu
Okhuliswe ngabo yilokishi
Kanti nasekhaya bath’ unje nje nje ngoban
Bath’ unje nje nje
Batheth’ ingath’ awunay’ ingqondo yakho

Vul’ amehlo ufund’ ukuzithanda
Unay’ imvume yokuthi awufuni mh m, awfuni
Fund’ ikuziphatha,
Fund’ ukuyek’ ukuphisa ngento ongenayo
Kwanele ngokulwa

[Chorus x 2]

Uyaz’ amandla ngawakho, awusoli bantu
Xolis' intliziyo
Uyaz’ amandla ngawakho, awugxeki bantu
Xolis' intliziyo
Unay’ imvume yokuthi awufuni awfuni awfuni
Xolis' intliziyo