Udoli Lyrics

Album: 
Ndim Lo
Song Year: 
2006
Genre: 
Afro Soul

-

.

[Verse 1]
Nank'uDoli uyahamba
Upheth'umthwalo
uDoli akanamali
intomb'ayikhathali
Uyahamb'umntwana
Ukhwel'ibhasi
Hayi Madoda
Itileyini
Ushiy'ikhaya
Kunzima
Amalungiselelo awamahle
Uqinisekile ngobuhle
"bamaziyo bath'uyindiya
Phofu nay'uth'usisimomondiya
 
[Chorus 1]
Uhambile uhambile
(Ushiy'ikhaya lakhe)
Kunzima kuDoli
(uthi kunzima)
 
[Verse 2]
Ufikil'eGoli uDoli
Engakavuli namehlo zatsha
Umthathile utsotsi uDoli
Wamthatha wamyusa phezulu
Emthatha nje umthembisile
Ukumenz'intombi ephezulu
Ngenen'ufikile phezulu
Egumbinel'inamantombazana
Ufunxe efinyela phezulu
Umgub'omhlophe
Ngeempumlo
Ow! Hayi, ow! Hayi, ow! Hayi
 
[Chorus 2]
 
Wenyuka wenyuk'uDoli
Wenyuka wenyuk'uNobuhle
Wenyuka wenyuk'uDoli
Wenyuka wabhabhemoyeni
Wenyuka wenyuk'uDoli
Wenyuka kwabalek'intsuku (wow) (wuwuwu)
Zaziinyanga iyho!
Kwangoonyaka
 
[Verse 3]
Uyakhal'uyacel'uDoli
Uyavuy'uyamnik'utsotsi
Uyayazi imbuyekezo
Akumnandi yho!
Ziyaduma
Uyacel'ufuneny'uDoli
Bayamnika ngok'ngakhathali
Uyacela, bayamnika
Aphinde, bamnike
Aphinde, iyhoo
Uyaf'uDoli
 
[Chorus 3 ]
Unyukile unyukil'uDoli
Unyukil'ulishiyile iphupha
Lika nobuhle
O' hamba, hamba
Mntwan'omntu
Unyukil'unyukil'uDoli
Unyusil'utsotsi
Wamsa phezulu
Ngokwesithembiso sakh'utsotsi
Sokumenz'intomb'ephezulu
O' hamba, hamba Doli
O' hamba Doli
O' hamba, hamba Doli