Ivamna (Love Potion) Lyrics

Album: 
Igqabhukil’ Inyongo
Song Year: 
2009
Genre: 
Hip Hop

-

.

[Intro]
Beautiful one by Planet Earth.
Driemanskap!
This one, is for the one I love (ndifun’uk’tshata Joe)
You know who you are girl, nd’yak’thanda joe… nd’yak’thanda joe.
Mamela… listen

[Verse 1:Ma-B]
She’s the Queen of my dreams the girl that I see when I sleep
Ndathi ndiqal’um-bona ndaqond’ub’ufil’uMa-b
Ndam-biza sancokola no Squeez(a) saKiss(a) saFree
saClick(a) like twins saba Busy ndam-biza my Chick
Qho xandim-bon’iNtliziyo yam’idad’emafuthen’ind’thath’emathuneni iyond’faka kwi Sthandwa
sam ek’seni
Nd’qhutywa luthando, and’nal’iXesha lodadam’es’thubeni und’bamb’emaphupheni ndonwabe xa
nd’phakam’ez’ngubeni
I’m in a situation I’m trapped in a space of love
Mistakes I make but I praise the man above to save my life
I swear I won’t break your heart, coz you the type of girl I really wanna make my wife

[Chorus]
Khand’mamele sana ndik’bekel’udaba
Khandamkele S’thandwa coz uk’fel’uMfana
Singahlalisana senze nabantwana
And’noMind(a) nob’ungandigalelel’iVamna
Khand’mamele sana ndik’bekel’udaba
Khandamkele S’thandwa coz uk’fel’uMfana
Singahlalisana senze nabantwana
And’noMind(a) nob’ungandigalelel’iVamna!

[Verse 2:Redondo]
Nomingqiza mingqizana khaw’ngene Qobokazana
Aw’dudlu ntombazana khaw’v’umuhle gqiyazana
Ugcwel’umkhith’okwe Nkonyane ndithi bayethe nkosazana
Mama ndimthini lomntwana nd’fun’umenz’umolokazana
Und’phek’eman’endophula ngoncumo lwakhe lodumo
Even xandingam-boni nd’banjwa sesothando isiGulo
Coz thina sobabini soze s’hlulwe ziiNdudumo
We will always be together okw’eTeabags ezindala noS’dumo
Imagine ndicim’i’s’bane ndigoba ndik’phuz’iindzwane
Nd’khohlel’amalangabe ngob’uvuth’amadangatye
Nd’theth’inyani and’Try(i) lucky I want you k’loomathanga
Thambo lam leKentucky s’Ambrella sam selanga
Ebomini kungemnandanga nasebubini kungek’hlanga
Kodw’emini ndoba lilanga ezinzulwini ndibe yiNyanga
You can take your time, ucingisise Babes and’ngxamanga
Morê is nog ‘n dag I understand neeMin’az’phelanga

[Verse 3:El Nino]
She’s the ghetto Queen, uMntan’akhon’uphum’eGugs
Xa um-bon’uyasweleka ngob’uk’Charm(a) ngeeLooks
The way umhle ngakhona ingathi ucham’iRed Bull
Ndithand’umzimba wakho and the way you black Boo
Uk’mila, ingathi Yo! li-empty le Beer
NalooMehlo athe gqa! ngath’uty’iTolofiya
Nama Silamsi xa edlula ayaz’thul’iiKofiya
Nob’ungand’galelel’iVamna Mamiya, ndingayitya nephepha layo loHabiya
Come a little bit closer s’mamel’uTamia
Kuba wen’ufana nqwa nay’uMam’uMaria
Siz’pholele sidl’idinner, sisel’uMdiliya
Uyand’gulisa, uthando lwakho lufana neFever and alunothengwa
Nge platinum neGold neSilver Nasemtshatweni wethu kuzobe kuqhutyw’iKiriva
Uyand’bhubhisa, uthando lwakho yiCancer kwiLiver!

[Verse 4:Dla]
Nak’ukwenzeka, uDla ufile ngoMabhebeza
Nd’yasakazela send’swelekile ndibabusondela nguBongeka
Lho kanye-kanye undenza ndibamb’amazinyo
Ndiqhutywa yhiNtliziyo, a trail of thought engandilalisiyo
Bek’nobanjani, uba bes’nokwazana kabanzi
Nd’kondlalel’ukhukho, nd’beyilo Oil kwesakho is’thuthuthu
Oh! My dzururu, xa nd’bona wena nditsho nd’benguMntu
K’bamnand’uphila, iPressence yakho ind’Rabh’amagila
Khaw’nd’bize ngegama, oy’funayo uy’khombe nd’zak’nika
Nd’khona nd’zak’linda, come to me yendel’eGqwetheni
Intw’ingaphakathi, bend’cel’ukwenz’oWam uMtshakazi
uMam’abaNtwana, together s’benabazukulwana!

[Chorus]
Khand’mamele sana ndik’bekel’udaba
Khandamkele S’thandwa coz uk’fel’uMfana
Singahlalisana senze nabantwana
And’noMind(a) nob’ungandigalelel’iVamna!
Khand’mamele sana ndik’bekel’udaba
Khandamkele S’thandwa coz uk’fel’uMfana
Singahlalisana senze nabantwana
And’noMind(a) nob’ungandigalelel’iVamna!

More songs